Hierdie is die LitNet-argief (2006–2012)
Besoek die aktiewe LitNet-platform by www.litnet.co.za

This is the LitNet archive (2006–2012)
Visit the active LitNet platform at www.litnet.co.za


 
Taal | Language > isiXhosa > Isihobe

ndlela-ntle mpilo-nde mfundisi wam!


Noluthando Mpola - 2006-12-05


(Ngomhla wombuliso kaMfundisi JB Freemantle eshiya iPort Elizabeth Circuit 218 ngowama-26 Novemba 2006)

Akuvumanga ukuba ndithule ngale mini yakho,
Ndaqopha ngentw’ enye ukuba ndisuse isiziba emlonyeni wam.
Akuvumang’ ukuba ndingayitsho ezindlebeni zakho,
Iindlel’ obeyimpiliso kum nosapho lwam lonke;
Indlel’ obeyintsikelelo ngayo nakwabany’ abaninzi.
Ndithi ngosiba ndlela-ntle mpilo-nde mfundisi wam!
Mhla wafika ndikhumbula usithi “Lizwi Linamandla!”
Wadanduluka mbhem ngezw’ elikhulu elinamandla.
Wandikhumbuz’ uNgcwabe x’ ebong’ uMqhay’ uMzima,
Ethi,“Mpofundini ngxam’ exhuma mhlana eya kubhubhisa
Ethi yakugqub’ abantu bange bayathwasa.”
Hayi ke wakuvum’ iLitani, mna ndinge ndiyathwasa.
Owu! Ndlelantle mpilonde kuwe mfundisi wam!
Uthe wakutsho ngezwi lakho eliphumelisayo phezulw’ apha,
Sabona ngothul’ olumbhoxo enyuk’ amaphaphu ngabula Ngcwabe.
Uthe wakutsho phezul’ apha yanga kunyikim’ umhlaba.
Ubenendlela yokukhuph’ indaba exhumis’ izibilini.
Hayi ke wakuthi, “MaWisile khanithi, †Kumkani Wengcwalisa! ”
Sonke ngazwinye mfundisi wam, ndlela ntle mpilo nde kuwe!
Ufike apha wabonis’ ooMdunyelwa nooMdanjelwa
Kuba lilishw’ into yokuzalwa ngabazali abangamahlwempu
Ubungekh’ ukwazi ukwenz’ ooMdanjelwa babe ngooMdunyelwa
Kod’ ukwazil’ ukuvul’ igumbi lakho lokuthandazela ngasese.
Ndiyayibulela imithandazo yakho ebiphuma ngqo entliziyweni.
Mna nosapho lwasekhaya sithi ndlela-ntle mpilo-nde!
Hamba ke JBF Mfundisi wethu onezipho ezimangalisayo,
Wathi wakuthi kuMhlobo Wenene, “unamandl’uYesu!” lahlokom’ ilizwe,
Sawabona loo mandla kaYes’ esikhusel’ ezintshabeni
Iintshab’ esizaziyo nesingazaziyo uYesu wasithi khu kuzo.
Ndikuthande x’ uxhum’ uhlehl’ ukhwaza loo Yesu.
Usebenzile gqirhadini lemiphemfulo nemimoy’ exikixekileyo
Iintlawulo yakho soz’ uyifumane kwaba maph’ ehlutha basithi
Makakusikelel’ uSomandla ibe mhloph’ indlel’ akho mbhem!


Miss Noluthando Mpola praises Rev Freemantle of the Methodist Church of Southern Africa in Port Elizabeth. She praises him particularly for his powerful sermons both on the pulpit and on Radio Xhosa. This great priest moves from the Arthur Wellington Circuit after a successful term. He has distinguished himself for his powerful prayers within the congregation. The poet, however, takes a swipe at those cynics who pressed for the transfer of this reverend gentleman to another mission station.