Hierdie is die LitNet-argief (2006–2012)
Besoek die aktiewe LitNet-platform by www.litnet.co.za

This is the LitNet archive (2006–2012)
Visit the active LitNet platform at www.litnet.co.za


 
Taal | Language > isiXhosa > Isihobe

Ukugxwal' emswaneni*


Siyabonga 'Sylvester' Ngqongqwana - 2006-09-07

(Comrade Walter Ulyate Max Sisulu, 1912 - 2003)

Iwi-i-i-i-le!
Iwil’ indembelele Mz’oNtsundu!
Ugobil’ umsenge ndl’emnyama!
Liwil’ iqhawe lisabukwa,
Kusabukw’ imisebenzi yalo emihle;
Shwaka, shwaka, shwaka!

Sivake-e-ele!
Sivakel’ isithonga sokuwa koMth’omkhulu!
Ivakel’ intuthumbo yesizwe ngokulahlekelwa!
Silahlekelwe kaloku Mz’oNtsundu nguTyhopho,
Nditsh’ uXhamela, nditsh’ uMgcina, uNokwindla;
Nditsh’ eloo qhawe lomzabalazo lazijul’ijacu,
Ukulwel’ inkululeko yabant’abaNtsundu ngexesha lengcinezelo.

Nantso-o-o ke!
Nantso k’ into yakho Mthabathi-wabantu!
Uth’ ubusinikile, ubuy’ usixuthe;
Kaloku kungaf’ intak’ endal’ amaqand’ ayabola,
Ngok’ uthi masihlale phantsi kwelif’ elimnyama,
Kub’ ingath’ if’ ingcambu, namagqab’ ayavuthuluka.

Thuthuzelekani midak’eNtsundu,
Kakad’ akulahlwa mbeleko ngakufelwa,
Kakad’ akuhlanga lungehliyo zintlanga!
Yen’ uTyhopho makalal’ubuthong’obude,
Kub’ igalelo lakhe siyalazi thina bakaTshiwo,
Cum, cum, cum!


** Tribute to fallen hero, Walter Sisulu. In this tribute Sylvester links Sisulu with his bigger family, his clan, Tyhopho. He uses the clan praises mainly to pay tribute to him. Sisulu is accorded the status of being a national hero.